


Amakhasi Abadala
UMTHETHO







Ukuqhawula umtshato
Kubi ukuqhawula umtshato. Kuziindleko kunjalonje xa ungazi ukuba ufanele uyephi okanye ngubani onokukunceda ekusombululeni imicimbi yakho. Ukuqhawula umtshato kunzima xa kubandakanya abantwana nempahla.

Okwangoku nangona itshintsha imithetho yaseMzantsi-Afrika, isekho i-Black Divorce Court . Apha xa ungumntu oNtsundu, unobhala wenkundla uya kukunceda ufumana uqhawulo-mtshato olungezondleko. Kodwa
imitshato emininzi idla ngokuqhawulwa kwiNkundla ePhakamileyo.

Xa usiya kwiNkundla ePhakamileyo, kubhetele uzifumanele igqwetha eliza kukunceda. Amagqwetha abiza imali enkulu. ILegal Aid Board iya kukunceda simahla ukuba wamkela ngaphantsi kwe-R1 000 ngenyanga (nangaphezu kwe-R1 000 xa unabantwana obahlawulela i-R150 ngomntwana ngamnye) Nceda ujonge amanani kwinqaku lanyakenye likaTyhila Ufunde.

Umsebenzi wegqwetha okanye unobhala wenkundla kukubhala
isamani . Lo samani iya kusiwa kwiqabane lakho yinkundla. Isamani idla nangokufunyanwa ngumntu ogcina abantwana, ogcina umzi okanye indlela ehlukaniswe ngayo, nemali yesondlo efanele ihlawulwe.

Isamani ibaluleke gqitha. Xa ufumene isamani yaye kukho into ongavumelaniyo nayo, kufuneka uziphendulele enkundleni. Oku kudla ngokwenzeka xa iqabane ligqibe ekubeni alivumelani noqhawulo-mtshato.

ikuvumela xa kutheni inkundla ukuba niqhawule umtshato? Oku kwenzeka kwiimeko ezintathu ikakhulu:

	xa umtshato wenu ungenakuba salungiseka;

	xa iqabane lakho lingaphilanga ngengqondo yaye selineminyaka engaphezulu kwemibini likwiziko eligcina abantu abagula ngolo hlobo;

	xa iqabane lakho lilahlekile. Olu qhawulo-mtshato luthatha ixesha elide. inkundla kufuneka ithumele isamani kwidilesi elagqityelwa lihlala kuyo iqabane lakho okanye lisibhengeze kwiphepha-ndaba. Oku kunokuthatha iinyanga.

Xa isibini sivumefana ngokuqhawula umtshato yaye akukho nto singavumelani ngayo ngobunini bomzi okanye umntu oza kugcina abantwana, unokuqhawulwa lula umtshato. Zama ukulungisa ezo zinto ngaphambi kokuba niye egqwetheni. Oko kunokukongela imali eninzi










UXolani ungumphangeli ongumhambi eJohannesburg . Umntakwabo ubulawe kudutshe olugquba KwaZulu-Natal kutshanje. Ngoku akukho mntu uza kugcina umkakhe nabantwana bakhe. Yonke imihla abuhli ubuthongo ecinga
ngale ngxaki.
UBusi usebenza ixesha elongeziweyo ukuze afumane imali ethe kraya
yokondla usapho lwakhe. Yonke imihla ubuya ebusuku afike umyeni wakhe enxilile, abantwana belambile. Ufika apheke ukutya aze acoce indlu ngaphambi kokuba alale. Uthi akasenako ukumelana nezi ngxaki







Amakhasi Abadala
IMPILO

Abantu abaninzi baseMzantsi-
Afrika banengxaki
yokucinezeleka kwengqondo.
Udushe, ulwaphulo-mthetho,
imeko yepolitiki
nokunqongophala kwamathuba
emisebenzi zizinto ezibe negalelo elikhulu koku. UTyhila Ufunde ukuchazela indlela yokubona xa umntu enengxaki yokucinezeleka kwengqondo nonokukwenza
ukumnceda.


Ingxaki yokucinezeleka kwengqondo
UXolani noBusi banengxaki yokucinezeleka kwengqondo. Abasebenzi bemizi-mveliso, oomama abagcina abantwana, oosomashishini - bonke bakhathazwa ngokulinganayo kukucinezeleka kwengqondo. Ukucinezeleka kwengqondo kudla ngokwenziwa kukusebenza nzima, ubuhlwempu, ukugula, uloyiko, ukufa okanye ukuphelelwa ngumsebenzi.

Abantu abahlukeneyo baba nocinezelo lwengqondo olwahlukeneyo. UXolani akafikelwa bubuthongo. UBusi akasenako ukumelana neengxaki. Ezi ziindidi ezimbini eziqhelekileyo zokucinezeleka kwengqondo. Abantu abanezi ngxaki abaguli. Zisenokuphela ezo ngxaki baze baphile kwakhona.
		
BONA XHOSA - September 1996 19

AbakwaMondi Paper bavuyisana neBona ngokanwalisa abafundi iminyaka engama-40

20 BONA XHOSA - September 1996

AbakwaMandi Paper benza imfundo ifumaneke kumntu wonke

